-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 23:11|
Ngokuba umprofeti kwanombingeleli ngabenzi bobubi; ndizifumene nasendlwini yam izinto zabo ezimbi; utsho uYehova.
-
12
|Jeremías 23:12|
Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona; ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.
-
13
|Jeremías 23:13|
Kubaprofeti bakwaSamari ndibone ubufedelele; baprofeta ngoBhahali, belahlekisa abantu bam amaSirayeli.
-
14
|Jeremías 23:14|
Ke kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele: ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora.
-
15
|Jeremías 23:15|
Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kubaprofeti, ukuthi, Yabonani, ndobadlisa umhlonyane, ndibaseze inyongo; ngokuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kuye kulo lonke ilizwe.
-
16
|Jeremías 23:16|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abaniprofetelayo; banenzela into engento, bathetha umbono wentliziyo yabo, ongaphumiyo emlonyeni kaYehova.
-
17
|Jeremías 23:17|
Bamana ukuthi kwabandigibayo, UYehova uthethile, niya kuba noxolo; nakubo bonke abahambayo ngobungqola beentliziyo zabo bathi, Aniyi kuhlelwa bubi.
-
18
|Jeremías 23:18|
Ewe, ngubani na kubo ome elucweyweni lukaYehova, walibona waliva ilizwi lakhe? Ngubani na olibazele indlebe ilizwi lam, waliva?
-
19
|Jeremías 23:19|
Yabonani, umoya ovuthuzayo kaYehova, uphume ubushushu, umoya ovuthuzayo osisaqhwithi, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.
-
20
|Jeremías 23:20|
Awuyi kubuya umsindo kaYehova, ade awenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla nokugqala nikuqonde oko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7