-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Jeremías 23:31|
Yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abathabatha ulwimi lwabo, bathi, Utsho.
-
32
|Jeremías 23:32|
Yabonani, ndichasene nabaprofeti abaprofeta amaphupha abuxoki, utsho uYehova, bawalawule, babalahlekise abantu bam ngobuxoki babo, nangokugasa kwabo, endingabawiselanga methetho, abangabancediyo nokubanceda aba bantu: utsho uYehova.
-
33
|Jeremías 23:33|
Ke kaloku, xa bathe bakubuza aba bantu, nokuba ngumprofeti, nokuba ngumbingeleli, besithi, Siyintoni na isihlabo sikaYehova? wobaxelela into esiyiyo isihlabo, sithi, Ndiya kunilahla, utsho uYehova.
-
34
|Jeremías 23:34|
Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe.
-
35
|Jeremías 23:35|
Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Utheni na ukuphendula uYehova? utheni na ukuthetha uYehova?
-
36
|Jeremías 23:36|
Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya; ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.
-
37
|Jeremías 23:37|
Wotsho kumprofeti ukuthi, Utheni na uYehova ukukuphendula? utheni na uYehova ukuthetha?
-
38
|Jeremías 23:38|
Ke ukuba nithi, Isihlabo sikaYehova: ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokuthetha kwenu elo lizwi lokuthi, Isihlabo sikaYehova, kanti ndithumele kuni ukuthi, Ize ningatsho ukuthi, Isihlabo sikaYehova:
-
39
|Jeremías 23:39|
ngako oko, yabonani, ndiya kunilibala mpela, ndinilahle ebusweni bam nina, nalo mzi ndaninikayo, nina nooyihlo;
-
40
|Jeremías 23:40|
ndibeke phezu kwenu isingcikivo esingunaphakade, ihlazo elingunaphakade, elingenakulityalwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21