-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 23:21|
Andibathumanga abaprofeti abo, kugidime bona; andithethanga kubo, kanti kuprofete bona.
-
22
|Jeremías 23:22|
Ukuba bebemi elucweyweni lwam, bange bevakalise amazwi am kubantu bam, bababuyisa endleleni yabo embi, nasebubini beentlondi zabo.
-
23
|Jeremías 23:23|
NdinguThixo wakufuphi na? utsho uYehova, ndingabi nguThixo wakude na?
-
24
|Jeremías 23:24|
Wosithela na umntu ezintsithelweni, ndingamboni na? utsho uYehova. Andizalise amazulu nehlabathi na mna? utsho uYehova.
-
25
|Jeremías 23:25|
Ndikuvile abakuthethayo abaprofeti, abaprofeta ubuxoki egameni lam, besithi, Ndiphuphile, ndiphuphile.
-
26
|Jeremías 23:26|
Koda kube nini na kuyile nto entliziyweni yabaprofeti abaprofeta ubuxoki, abaprofeti benkohliso yentliziyo yabo?
-
27
|Jeremías 23:27|
Bacinga ngokubalibazisa na abantu bam, balilibale igama lam ngamaphupha abo, abawalawulayo elowo kummelwane wakhe, njengoko ooyise balilibalayo igama lam ngoBhahali?
-
28
|Jeremías 23:28|
Umprofeti onephupha makalawule iphupha; onelizwi lam makathethe ilizwi lam enyanisile. Yintoni na enomququ nengqolowa? utsho uYehova.
-
29
|Jeremías 23:29|
Alinjengomlilo na ilizwi lam? utsho uYehova; nanjengesando esihlekeza ingxondorha?
-
30
|Jeremías 23:30|
Ngako oko yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abawebayo amazwi am elowo kummelwane wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7