-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
47
|Jeremías 48:47|
Ke ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaMowabhi ekupheleni kwemihla; utsho uYehova. Uze wafika apha umgwebo wakwaMowabhi.
-
1
|Jeremías 49:1|
Ngokusingisele koonyana baka-Amon, utsho uYehova ukuthi: USirayeli akananyana na, akanandlalifa na? Yini na ukuba ukumkani wabo amdle ilifa uGadi, abantu babo beme emizini yakhe?
-
2
|Jeremías 49:2|
Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuhlaba umkhosi wemfazwe kwiRabha yoonyana baka-Amon, ibe ngumwewe wenxuwa, amagxamesi ayo atshiswe ngomlilo, uSirayeli abadle ilifa ababemdle ilifa; utsho uYehova.
-
3
|Jeremías 49:3|
Bhomboloza, Heshbhon, ngokuba ibhuqiwe iAyi; khalani, magxamesi aseRabha, bhinqani ezirhwexayo; mbambazelani niququzele kunye ezintangweni; ngokuba ukumkani wayo uya kuthinjwa, kunye nababingeleli bakhe nabathetheli bakhe.
-
4
|Jeremías 49:4|
Uqhayiselani na ngazo iintili? Intili yakho ichumile, ntombi iliphamba, yakholosayo ngobuncwane bayo, isithi, Ndiya kuzelwa ngubani na?
-
5
|Jeremías 49:5|
Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, luphuma kwabangeenxa zonke kuwe; nigxothwe, elowo angabheki nokubheka, kungabikho ungababuthayo abaphalaphalayo.
-
6
|Jeremías 49:6|
Emveni koko ndiya kukubuyisa ukuthinjwa koonyana baka-Amon; utsho uYehova.
-
7
|Jeremías 49:7|
Ngokusingisele kuEdom, utsho uYehova wemikhosi ukuthi: Akusekho bulumko na kwaTeman? Liphelile na icebo kwiingqondi? Buphalele na ubulumko bazo?
-
8
|Jeremías 49:8|
Sabani, jikani, hlalani enkolontyweni, bemi bakwaDedan; ngokuba ukusindeka kwakhe uEsawu ndimzisele, ixesha lokumvelela kwam.
-
9
|Jeremías 49:9|
Ukuba abavuni beediliya bakufikele, abayi kushiya lubhikico; ukuba amasela eza ebusuku, aya konakalisa ade anele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7