-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 1:11|
Kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi, Yintoni na le uyibonayo, Yeremiya? Ndathi, Ndibona intonga yomthi womamangile.
-
12
|Jeremías 1:12|
Wathi uYehova kum, Ubone walungisa; ngokuba ndiya kuliphaphela ilizwi lam ukuba ndilenze.
-
13
|Jeremías 1:13|
Kwafika ilizwi likaYehova kum ngokwesibini, lisithi, Yintoni na le uyibonayo? Ndathi, Ndibona imbiza ebaselweyo, ubuso bayo bubheke neno, isentla.
-
14
|Jeremías 1:14|
Wathi ke uYehova kum, Entla kuya kuphuma ububi, bube phezu kwabemi bonke belizwe.
-
15
|Jeremías 1:15|
Ngokuba, yabona, ndiya kubiza yonke imizalwane yezikumkani zasentla, utsho uYehova; ziya kuza ke, zimise iseso itrone yaso ekungeneni kwamasango eYerusalem, nasezindongeni zayo zonke ngeenxa zonke, nasemizini yonke yakwaYuda.
-
16
|Jeremías 1:16|
Ndiya kuthetha elokubagweba kwam ngenxa yobubi babo bonke, kuba bendishiyile, baqhumisela thixweni bambi, baqubuda emisebenzini yezandla zabo.
-
17
|Jeremías 1:17|
Ke wena, bhinqa amanqe akho, usukÂ’ ume, uthethe kubo konke endikuwisela umthetho ngako. Musa ukuqhiphuka umbilini ngabo, hleze mna ndikuqhiphule umbilini ngabo.
-
18
|Jeremías 1:18|
Uyabona ke, mna ndikwenza namhla umzi onqatyisiweyo, intsika yesinyithi, udonga lobhedu kulo lonke ilizwe, lokumkani bakwaYuda, nakubathetheli balo, kubabingeleli balo, nakubantu belizwe.
-
19
|Jeremías 1:19|
Baya kulwa nawe, bangabi nakukweyisa, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.
-
1
|Jeremías 2:1|
Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7