-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Jeremías 3:15|
ndininike abalusi abangantliziyo yam, banaluse ngokwazi nangengqiqo.
-
16
|Jeremías 3:16|
Kothi, xa nithe nanda naqhama ezweni ngaloo mihla, utsho uYehova, bangabi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; ingathi qatha entliziyweni; ingakhunjulwa ngabo, ingafuneki, ingabuye yenziwe.
-
17
|Jeremías 3:17|
Ngelo xesha iYerusalem kuya kuthiwa yitrone kaYehova, zixhontelane khona zonke iintlanga ngenxa yegama likaYehova eliseYerusalem; zingabi salandela ubungqola bentliziyo yazo embi.
-
18
|Jeremías 3:18|
Ngaloo mihla iya kuhamba indlu yakwaYuda kunye nendlu yakwaSirayeli, bavele kunye ezweni lasentla, beze ezweni endabanikayo ooyise laba lilifa.
-
19
|Jeremías 3:19|
Ndathi mna, Azi ndingathini na ukukumisa phakathi koonyana, ndikunike ilizwe elinqwenelekayo, ilifa eliligugu lawo amagugu eentlanga? Ndathi, Niya kundibiza ngokuthi, Bawo; ningabuyi ekundilandeleni.
-
20
|Jeremías 3:20|
Inyaniso, njengoko umfazi atshinizayo kuwabo, nitshinizile ngokunjalo kum, nina ndlu kaSirayeli; utsho uYehova.
-
21
|Jeremías 3:21|
Livakele izwi eluqayini, isililo sokutarhuzisa soonyana bakaSirayeli; ngokuba bebezigwenxile iindlela zabo, bamlibala uYehova uThixo wabo.
-
22
|Jeremías 3:22|
Buyani, nyana bangamaphamba; ndokuphilisa ukuphamba kwenu. Uyabona, siza kuwe; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wethu.
-
23
|Jeremías 3:23|
Inyaniso, yaba bubuxoki ingxokozelo yasezindulini, yasezintabeni; inyaniso, lukuYehova uThixo wethu usindiso lukaSirayeli.
-
24
|Jeremías 3:24|
Isikizi liyidlile indyebo yoobawo kwasebuncinaneni bethu: impahla yabo emfutshane neenkomo zabo, oonyana babo neentombi zabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7