-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Jeremías 2:32|
Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.
-
33
|Jeremías 2:33|
Uyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.
-
34
|Jeremías 2:34|
Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.
-
35
|Jeremías 2:35|
Ukanti uthi ke, Ndimsulwa, ewe, umsindo wakhe ubuyile kum. Yabona, ndiya kumangalelana nawe ngenxa yokuba usithi, Andonanga.
-
36
|Jeremías 2:36|
Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.
-
37
|Jeremías 2:37|
Nakuyo leyo uya kuphuma, zisentloko izandla zakho; ngokuba uYehova uya kubacekisa okholose ngabo, ungabi nampumelelo ngabo.
-
1
|Jeremías 3:1|
Kuthiwa, Ukuba ithe indoda yamgxotha umkayo, wemka kuyo, waba ngowandoda yimbi, inokumbuyela na? Alingebi lihlanjelwe na elo lizwe? Wena ke uhenyuzile nezithandane ezininzi; unokubuyela na ke kum? utsho uYehova.
-
2
|Jeremías 3:2|
Phosa amehlo akho eluqayini ubone; kuphi na apho ungalalwanga khona? Wabahlalela ngasezindleleni, njengomArabhi entlango; walihlambela ilizwe ngokuhenyuza kwakho, nangezinto zakho ezimbi.
-
3
|Jeremías 3:3|
Yathintelwa ke imikhumezelo, ayeza nemvula evuthisayo; usuke wanebunzi lehenyukazi, akwavuma ukuba neentloni.
-
4
|Jeremías 3:4|
Akuyi kuthi na ngoku undibize, uthi, Bawo, ulikholwane lobutsha bam?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7