-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|Jeremías 2:22|
Ungafanelana uzihlikihla ngesoda, wathabatha isepha eninzi: ubugwenxa bakho buhleli budyobhekile phambi kwam; itsho iNkosi uYehova.
-
23
|Jeremías 2:23|
Ungathini na ukuthi, Andizenzanga inqambi, andibalandelanga ooBhahali? Yibone indlela yakho emfuleni lowo, ukwazi okwenzileyo, wena mazi yenkamela enamendu, etshobela ngapha nangapha;
-
24
|Jeremías 2:24|
mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.
-
25
|Jeremías 2:25|
Luthintele unyawo lwakho lungabi ze, nomqala wakho unganxanwa. Uthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.
-
26
|Jeremías 2:26|
Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bona ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;
-
27
|Jeremías 2:27|
besithi emthini, Ungubawo; nasetyeni, Undizele; ngokuba bandinikela ikhosi, abandinikela buso ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, SukÂ’ ume usisindise.
-
28
|Jeremías 2:28|
Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho babengangenani lemizi yakho, Yuda.
-
29
|Jeremías 2:29|
Yini na ukuba nibambane nam? Nonke niphela nikreqile kum; utsho uYehova.
-
30
|Jeremías 2:30|
Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidle abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.
-
31
|Jeremías 2:31|
Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kungathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, asizi kuwe?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7