-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Jeremías 3:5|
Uya kuba nenqala ngonaphakade na, ahlale ewugcinile na umsindo? Yabona, uthetha njalonje, wenza ububi, ubufezile.
-
6
|Jeremías 3:6|
Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ukubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.
-
7
|Jeremías 3:7|
Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakubona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.
-
8
|Jeremías 3:8|
Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinika incwadi yokwahlukana nalo, lisuke noko ingininginikazi uYuda, udade walo aloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.
-
9
|Jeremías 3:9|
Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.
-
10
|Jeremías 3:10|
Nakuko konke oko, alabuyela kum ingininginikazi, udade walo uYuda, ngentliziyo yonke; kwaba ngokuxoka; utsho uYehova.
-
11
|Jeremías 3:11|
Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.
-
12
|Jeremías 3:12|
Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.
-
13
|Jeremías 3:13|
Buvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.
-
14
|Jeremías 3:14|
Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7