-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Jeremías 2:12|
Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, niqothole kunene; utsho uYehova.
-
13
|Jeremías 2:13|
Ngokuba benze ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.
-
14
|Jeremías 2:14|
USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kungathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?
-
15
|Jeremías 2:15|
Zimbharhulele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.
-
16
|Jeremías 2:16|
Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi badlela elukakayini lwakho.
-
17
|Jeremías 2:17|
Oko asikukwenza kwakho na, ngokushiya kwakho uYehova uThixo wakho, ngexesha abekuhambisa ngendlela?
-
18
|Jeremías 2:18|
Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo lowo?
-
19
|Jeremías 2:19|
Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuthi ungankwantyi phambi kwam; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
-
20
|Jeremías 2:20|
Ngokuba kususela kwakude, uyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.
-
21
|Jeremías 2:21|
Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; utheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongeguwo kum?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7