-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Jeremías 48:27|
Wayengeyintlekisa na kuwe uSirayeli? Wayefunyenwe phakathi kwamasela, kusini na, ukuba uhlunguzele intloko, xa sukuba ubuthetha ngaye?
-
28
|Jeremías 48:28|
Shiyani imizi, nihlale ezingxondorheni, bemi bakwaMowabhi, nibe njengevukuthu elakhela phesheya, eludinini lomwonyo.
-
29
|Jeremías 48:29|
Silivile ikratshi likaMowabhi. Asikuko nokuba likratshi: ukuzidla kwakhe, ikratshi lakhe, ukukratsha kwakhe, nokuphakama kwentliziyo yakhe.
-
30
|Jeremías 48:30|
Mna ndiyakwazi ukuphuphuma komsindo wakhe, nokuphololoza kwakhe into engeyiyo; utsho uYehova; benza into engekhoyo.
-
31
|Jeremías 48:31|
Ngako oko ndiyabhomboloza ngenxa kaMowabhi, ndikhale ngenxa kaMowabhi wonke ephela; bayancwina ngenxa yamadoda aseKir-heres.
-
32
|Jeremías 48:32|
Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulilela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi.
-
33
|Jeremías 48:33|
Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; abayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho.
-
34
|Jeremías 48:34|
Ukukhala eHeshbhon kuse e-Elale, kuse eYahazi; balikhuphile izwi labo, kuthabathele eTsohare kwesa eHoronayim, nase-Egelati yesithathu; ngokuba kwanamanzi aseNimrim aya kuthi qoko.
-
35
|Jeremías 48:35|
Ndiya kumphelisa kwaMowabhi, utsho uYehova, onyuka isiganga ukuba aqhumisele koothixo bakhe.
-
36
|Jeremías 48:36|
Ngako oko intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa kaMowabhi; intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa yamadoda aseKir-heres; ngako oko indyebo ababeyizuzile itshabalele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7