-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Jeremías 47:4|
ngenxa yemini eza kuwabhuqa onke amaFilisti, eza kunqumla eTire neTsidon bonke abasale banceda; ngokuba uYehova uyawabhuqa amaFilisti, amasalela onxweme lwaseKafetori.
-
5
|Jeremías 47:5|
Isezileni iGaza, itshabalele iAshkelon, amasalela entili yabo.
-
6
|Jeremías 47:6|
Kunini na uzicenta? Awu! Krele likaYehova, kunini na ungaphezi? Rhoxela esingxotyeni sakho; phumla, uthi cwaka.
-
7
|Jeremías 47:7|
Ungathini na ukupheza, uYehova ekuwisele umthetho nje? EAshkelon naselunxwemeni lolwandle, apho ukuyalele.
-
1
|Jeremías 48:1|
Ngokusingisele kwelakwaMowabhi, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Yeha iNebho, ngokuba ibhuqiwe. Ihlazisiwe, ithinjiwe iKiriyatayim; ihlazekile, iqhiphuke umbilini ingxonde leyo.
-
2
|Jeremías 48:2|
Iqhayiya lakwaMowabhi alisekho; eHeshbhon bacebe ububi ngaye, bathi, Yizani simnqumle, angabi luhlanga. Nawe, Mademena, uya kudaka; ikrele liya kukulandela.
-
3
|Jeremías 48:3|
Phulaphulani ukukhala eHoronayim! Yimbuqo nokwaphuka okukhulu!
-
4
|Jeremías 48:4|
UMowabhi waphukile, iimbedlenge zakhe zivakala zikhala.
-
5
|Jeremías 48:5|
Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhleni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa.
-
6
|Jeremías 48:6|
Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7