-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Jeremías 46:12|
Iintlanga zikuvile ukucukucezwa kwakho, ukukhala kwakho kwazalisa ihlabathi; ngokuba igorha likhubeka egorheni, omabini awa ndaweni-nye.
-
13
|Jeremías 46:13|
Ilizwi awalithethayo uYehova kuYeremiya umprofeti, ngokuza kukaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ukuba alixabele ilizwe laseYiputa, lalisithi:
-
14
|Jeremías 46:14|
Xelani eYiputa, nivakalise eMigidoli, nivakalise eNofu naseTapanesi; yithini, Misa, xhoba; ngokuba ikrele liya kudla ngeenxa zonke kuwe.
-
15
|Jeremías 46:15|
Yini na ukuba ziqwelwe iimbalasane zakho? Azimanga, ngokuba uYehova uzingqulile.
-
16
|Jeremías 46:16|
Ukhubekisa abaninzi, ewe, omnye uwela omnye; bathi, Sukani, masibuyele ebantwini bakowethu, ezweni esazalelwa kulo, ngenxa yekrele elidlavulayo.
-
17
|Jeremías 46:17|
Badanduluka khona, bathi, UFaro ukumkani weYiputa utshabile; ulidlulisile ixesha elimisiweyo.
-
18
|Jeremías 46:18|
Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi, ukuthi, Inene, uya kuza enjengeTabhore phakathi kweentaba, enjengeKarmele ngaselwandle.
-
19
|Jeremías 46:19|
Zenzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.
-
20
|Jeremías 46:20|
IYiputa lithokazi elihle kakhulu; isibawu sasentla siyeza, siyeza.
-
21
|Jeremías 46:21|
Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba uyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7