-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Jeremías 44:27|
Yabonani, ndiwaphaphela ukuba kube kubi, kungalungi, agqityelwe onke amadoda akwaYuda ezweni laseYiputa, likrele nayindlala, ade aphele.
-
28
|Jeremías 44:28|
Baya kubuya ezweni leYiputa abasinde ekreleni, baye ezweni lakwaYuda bembalwa; alazi onke amasalela akwaYuda, azileyo ezweni leYiputa ukuba aphambukele kulo, ukuba liliphi na ilizwi eliya kuma khona: lelam, lelabo, kusini na.
-
29
|Jeremías 44:29|
Nangu ke umqondiso kuni, utsho uYehova, wokuba ndiya kunivelela kule ndawo, ukuze nazi ukuba amazwi am aya kuma, animele ububi.
-
30
|Jeremías 44:30|
Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamnikela uFaro-hofra, ukumkani weYiputa, esandleni seentshaba zakhe, esandleni sabafuna umphefumlo wakhe, njengoko ndamnikelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utshaba lwakhe, olube lufuna umphefumlo wakhe.
-
1
|Jeremías 45:1|
Ilizwi awalithethayo uYeremiya umprofeti kuBharuki unyana kaNeriya, ekuwabhaleni kwakhe encwadini la mazwi, ephuma emlonyeni kaYeremiya, ngomnyaka wesine kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,
-
2
|Jeremías 45:2|
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, kuwe, Bharuki, ukuthi, Wena uthi, Athi ke mna!
-
3
|Jeremías 45:3|
Ngokuba uYehova wongeza isingqala kumvandedwa wam; ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla.
-
4
|Jeremías 45:4|
Yithi ke kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayinyothula; lihlabathi lonke ke elo.
-
5
|Jeremías 45:5|
Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna. Ngokuba, uyabona, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndikunika umphefumlo wakho ube lixhoba lakho, ezindaweni zonke oya kuya kuzo.
-
1
|Jeremías 46:1|
Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwiintlanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7