-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Jeremías 43:10|
Uze uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuthumela ndithabathe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe ngaphezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; aneke isivatho sakhe esihle ngaphezu kwawo.
-
11
|Jeremías 43:11|
Uya kufika alibethe ilizwe leYiputa, owokufa afe, owokuthinjwa athinjwe, owekrele abe ngowekrele.
-
12
|Jeremías 43:12|
Ndiya kufaka isikhuni ezindlwini zoothixo baseYiputa, azitshise zona, abathimbe bona, azithi wambu ngelizwe leYiputa, njengokuba umalusi ezithi wambu ngengubo yakhe; aphume kulo enoxolo.
-
13
|Jeremías 43:13|
Uya kuwaqhekeza amatye amisiweyo aseBhete-shemeshe, asezweni leYiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseYiputa.
-
1
|Jeremías 44:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele kumaYuda onke ahleliyo ezweni laseYiputa, ahleli eMigidoli, naseTapanesi, naseNofu, nasezweni lasePatrosi, lalisithi:
-
2
|Jeremías 44:2|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nibubonile ububi bonke endayizisela bona iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda. Niyabona, ingamanxuwa ngayo le mini, akukho umiyo kuyo;
-
3
|Jeremías 44:3|
ngenxa yobubi ababenzayo, ukuze bandiqumbise ngokuya kuqhumisela nokukhonza thixo bambi, ababengabazi bona, nani, nooyihlo.
-
4
|Jeremías 44:4|
Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa, ndisithi, Musani ukukha niyenze le nto ingamasikizi, ndiyithiyileyo.
-
5
|Jeremías 44:5|
Noko ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo, ukuba babuye ebubini babo, bangaqhumiseli thixweni bambi.
-
6
|Jeremías 44:6|
Baphalazeka ke ubushushu bam nomsindo wam, watshisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem; yaba linxuwa, yabharha, njengoku kunjalo namhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7