-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Jeremías 44:17|
Inene, siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu, okuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthululele iminikelo ethululwayo, njengoko sakwenzayo, thina noobawo, ookumkani bethu nabathetheli bethu, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem; sahlutha ke sisonka, salunga, asabona bubi.
-
18
|Jeremías 44:18|
Kususela koko sayekayo ukuqhumisela kukumkanikazi wezulu, nokumthululela iminikelo ethululwayo, saswela iinto zonke, sagqityelwa likrele nayindlala.
-
19
|Jeremías 44:19|
Xa ke thina bafazi siqhumiselayo kukumkanikazi wezulu, simthululelayo iminikelo ethululwayo, simenzela izonkana zokuba eyilwa, simthululela iminikelo ethululwayo, amadoda ethu akakho na kuthi?
-
20
|Jeremías 44:20|
Wathetha uYeremiya kubantu bonke, kumadoda nakubafazi, kubantu bonke abamphendulayo ngelo lizwi, wathi,
-
21
|Jeremías 44:21|
Ukuqhumisela oko enaqhumisela ngako emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, nina nooyihlo, ookumkani benu nabathetheli benu, nabantu belizwe, akakukhumbulanga na uYehova? Akuthanga qatha na entliziyweni yakhe oko?
-
22
|Jeremías 44:22|
UYehova akaba saba nako ukuthwala, ngenxa yeentlondi zenu ezimbi, ngenxa yamasikizi enawenzayo; lasuka ilizwe lenu labharha, kwaba senkangala, langummangaliso nentshabhiso, lingenammi, njengoko kunjalo namhla.
-
23
|Jeremías 44:23|
Ngenxa yokuqhumisela kwenu, nangenxa yokona kwenu kuYehova, analiphulaphula izwi likaYehova, anahamba ngomyalelo wakhe, nangemimiselo yakhe, nangezingqino zakhe: ngenxa yoko bunihlele obo bubi, njengoko kunjalo namhla.
-
24
|Jeremías 44:24|
Wathi uYeremiya kubantu bonke, nakubafazi bonke, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda asezweni leYiputa;
-
25
|Jeremías 44:25|
utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nina nabafazi benu niyathetha ngomlomo wenu, nangezandla zenu nikuzalise, nisithi, Masenze izibhambathiso zethu, esabhambathisa ngazo, zokuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthululele iminikelo ethululwayo:
-
26
|Jeremías 44:26|
zimiseni nizimise kambe izibhambathiso zenu; zenzeni nizenze kambe izibhambathiso zenu. Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda, ahleliyo ezweni leYiputa: Yabonani, ndifunge igama lam elikhulu, utsho uYehova, inene, aliyi kuba sabizwa igama lam ngumlomo kabani wakwaYuda ezweni lonke leYiputa, esithi, Ihleli nje iNkosi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7