-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 50:1|
Ilizwi awalithethayo uYehova ngokusingisele kwiBhabheli, ngokusingisele kwilizwe lamaKaledi, ngoYeremiya umprofeti, lalisithi:
-
2
|Jeremías 50:2|
Xelani ezintlangeni, nivakalise, niphakamise ibhanile. Vakalisani, musani ukufihla; yithini, Ithinjiwe iBhabheli, uhlazekile uBhele, uqhiphuke umbilini uMerodaki, zihlazekile izithixo zabo, ziqhiphuke umbilini izigodo zabo.
-
3
|Jeremías 50:3|
Ngokuba kunyuke kweza kubo uhlanga lwasentla, oluya kwenza ilizwe labo kube senkangala, lingabi nammi, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kubalekwe kumkiwe.
-
4
|Jeremías 50:4|
Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, baya kuza oonyana bakaSirayeli kunye noonyana bakaYuda, behamba belila, baye bamquqele uYehova uThixo wabo.
-
5
|Jeremías 50:5|
Baya kubuza iZiyon, babheke khona, besithi, Yizani, nithelele kuYehova ngomnqophiso ongunaphakade ongayi kulityalwa.
-
6
|Jeremías 50:6|
Abantu bam baba ngumhlambi weegusha ezilahlekileyo; abalusi babo babandwendwisela ezintabeni eziphambanisayo, behamba besuka entabeni, baye endulini, bayilibale indawo yabo yokubutha kwabo.
-
7
|Jeremías 50:7|
Bonke ababafumanayo babadla; ababandezeli babo bathi, Asinatyala, ngethuba lokuba bonile kuYehova, ikriwa lobulungisa, ithemba loyise, uYehova.
-
8
|Jeremías 50:8|
Balekani, niphume phakathi kweBhabheli; mabaphume ezweni lamaKaledi, babe njengeenkunzi zeebhokhwe ezikhokela umhlambi.
-
9
|Jeremías 50:9|
Ngokuba, yabonani, ndixhoxha, ndinyuse, ndise eBhabheli isikhungu seentlanga ezinkulu, ziphuma ezweni lasentla, ziyakhele uluhlu. Iya kuthinjwa apho, iintolo zaso zibe njengezegorha eliligcisa, elingabuyi lilambatha.
-
10
|Jeremías 50:10|
Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlutha; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7