-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Jeremías 50:31|
Yabona, ndikuchasile, wena ukhukhumeleyo, itsho iNkosi uYehova wemikhosi; ngokuba ifikile imini yakho, ixesha lokukuvelela kwam.
-
32
|Jeremías 50:32|
Wokhubeka okhukhumeleyo, awe, kungabikho umvusayo; ndiphembe umlilo emizini yakhe, utshe ngeenxa zonke kuye.
-
33
|Jeremías 50:33|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Babecudiswa oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda kunye; bonke ababathimbayo bayagcinisa ukubabamba, abavumi ukubandulula.
-
34
|Jeremías 50:34|
UMkhululi wabo obamiselayo womelele, ugama lakhe linguYehova wemikhosi; uya kubambana abambane nobambana nabo, ukuze aliphumze ihlabathi, agungqise abemi baseBhabheli.
-
35
|Jeremías 50:35|
Ikrele maliwafikele amaKaledi, nabemi baseBhabheli, nabathetheli bayo, nezilumko zayo; utsho uYehova.
-
36
|Jeremías 50:36|
Ikrele malibafikele abaphololozi bento engeyiyo, babe zizimathane; ikrele maliwafikele amagorha, aqhiphuke umbilini.
-
37
|Jeremías 50:37|
Ikrele maliwafikele amahashe ayo, neenqwelo zayo zokulwa, nomxukuxela wonke ophakathi kwayo, babe ngabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bayo, ukuba buphangwe.
-
38
|Jeremías 50:38|
Ukubalela makuwafikele amanzi ayo, ukuba atshe. Ngokuba lilizwe lemifanekiso eqingqiweyo; bazigezise ngezinto ezothusayo.
-
39
|Jeremías 50:39|
Ngako oko kuya kuhlala khona amarhamncwa omqwebedu neempungutye, kuhlale iinciniba khona, lingabi samiwa naphakade, lingabi sahlalwa izizukulwana ngezizukulwana.
-
40
|Jeremías 50:40|
Njengoko wayibhukuqayo uThixo iSodom neGomora, nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala bani khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7