-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Jeremías 51:5|
Ngokuba uSirayeli, kwanoYuda, akashiywanga wangumhlolokazi nguThixo wakhe, nguYehova wemikhosi; kuba ilizwe labo lizele lityala koyiNgcwele kaSirayeli.
-
6
|Jeremías 51:6|
Sabani niphume eBhabheli, nisize elowo umphefumlo wakhe; maningadaki ngenxa yobugwenxa bayo; ngokuba eli lixesha lempindezelo kuYehova; uya kubuyekeza kuyo kwaimpatho yayo.
-
7
|Jeremías 51:7|
IBhabheli ibe iyindebe yegolide esandleni sikaYehova, ilinxilisa lonke ihlabathi; zasela iintlanga ewayinini yayo. Ngako oko ziyageza iintlanga.
-
8
|Jeremías 51:8|
Iwile iBhabheli ngesiquphe, yaphuka; bhombolozani ngenxa yayo; intlungu yayo yithabatheleni amafutha aqholiweyo, mhlawumbi ingapholiswa.
-
9
|Jeremías 51:9|
Bathi, Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili; yishiyeni, sihambe siye elowo ezweni lakowabo; ngokuba ityala layo lifike emazulwini, liphakamele esibhakabhakeni.
-
10
|Jeremías 51:10|
UYehova ubuvelisile ubulungisa bethu; yizani sibalise eZiyon isenzo sikaYehova uThixo wethu.
-
11
|Jeremías 51:11|
Khazimlisani iintolo, qubulani amakhaka; uYehova uxhoxhe umoya wokumkani bamaKaledi. Ngokuba umnkqangiyelo wakhe ukwiBhabheli, ukuba ayonakalise: ngokuba yimpindezelo kaYehova, yimpindezelo yetempile yakhe.
-
12
|Jeremías 51:12|
Ziphakamiseleni ibhanile iindonga zaseBhabheli. Qinisani ukulinda, misani abalindi, lungisani imilalela; ngokuba njengoko uYehova wankqangiyelayo, ukwenzile awakuthethayo ngabemi baseBhabheli.
-
13
|Jeremías 51:13|
Wena uhleliyo phezu kwamanzi amaninzi, ubuncwane bakho buninzi; kufikile ukuphela kwakho, isilinganiselo senzuzo yakho embi.
-
14
|Jeremías 51:14|
UYehova wemikhosi ufunge umphefumlo wakhe, esithi, Noko ndikuzalisileyo ngabantu, banga ziinkumbi ezinqunquthayo, kuya kususelwa ngawe ukwenziwa amayeyeye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7