-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
35
|Jeremías 51:35|
Ukugonyamelwa kwam nenyama yam makube phezu kweBhabheli, makatsho ummi waseZiyon; igazi lam malibe phezu kwabemi belamaKaledi, mayitsho iYerusalem.
-
36
|Jeremías 51:36|
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyalithetha ityala lakho, ndiphindezele impindezelo yakho, ndilutshise ulwandle lwayo, ndilomise ithende layo;
-
37
|Jeremías 51:37|
iBhabheli iya kuba ngumwewe, isikhundla seempungutye, ummangaliso nomsondlo, ingabi nammi.
-
38
|Jeremías 51:38|
Bonke bephela bangabharhula njengeengonyama ezintsha, bangavungama njengamathole engonyamakazi.
-
39
|Jeremías 51:39|
Kanti ke ebushushwini babo ndiya kubenzela umgidi wabo, ndibanxilise, ukuze badlamke, balale ubuthongo obungunaphakade, bangavuki; utsho uYehova.
-
40
|Jeremías 51:40|
Ndiya kubathobela ekuxhelweni njengamatakane, njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.
-
41
|Jeremías 51:41|
Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga!
-
42
|Jeremías 51:42|
Ulwandle lunyukile, lwayizela iBhabheli; igutyungelwe kukuguguma kwamaza alo.
-
43
|Jeremías 51:43|
Imizi yayo yaba ngamanxuwa, yaba lilizwe lomqwebedu nenkqantosi, lilizwe elingamiwe mntu, ekungadluli nyana womntu kulo.
-
44
|Jeremías 51:44|
Ndiya kumvelela uBhele eBhabheli, ndikurhole emlonyeni wakhe akuginyileyo; zingabi sasinga kuye iintlanga; nodonga lweBhabheli luya kuwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5