-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 52:11|
Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.
-
12
|Jeremías 52:12|
Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lweshumi enyangeni leyo (lo mnyaka ke ngoweshumi elineminyaka esithoba kakumkani uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli), wangena eYerusalem uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, owema phambi kokumkani waseBhabheli.
-
13
|Jeremías 52:13|
Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke zezikhulu wazitshisa ngomlilo.
-
14
|Jeremías 52:14|
Iindonga zonke zaseYerusalem ngeenxa zonke yazidiliza yonke impi yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki.
-
15
|Jeremías 52:15|
Kwizisweli zabantu, namasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awaphambelayo kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki.
-
16
|Jeremías 52:16|
Ke uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wasalisa kwizisweli zelizwe, ukuze zibe ngabasebenzi bemidiliya nabalimi.
-
17
|Jeremías 52:17|
Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obelusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli lonke ubhedu lwazo.
-
18
|Jeremías 52:18|
Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebekulungiselelwa ngazo.
-
19
|Jeremías 52:19|
Umthetheli wabasiki wathabatha izidendeleko, neengcedevu, nezitya zokutshisa, neembiza, neziphatho zezibane, neenkamba, namathunga, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere.
-
20
|Jeremías 52:20|
Neentsika zombini, ulwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini zobhedu ezibe ziphantsi kwalo, neenqwelwana awazenzela indlu kaYehova uSolomon ukumkani, alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21