-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Jeremías 10:16|
Akanjengazo yena uSahlulelo sikaYakobi, ngokuba ngumbumbi weento zonke yena; uSirayeli sisizwe selifa lakhe; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.
-
17
|Jeremías 10:17|
Hlanganisa impahla yakho, umke nayo kweli lizwe, wena uhleliyo ekungqingweni.
-
18
|Jeremías 10:18|
Ngokuba uYehova utshilo ukuthi, Yabona, ngesi sihlandlo, ndisawula abemi belizwe, ndibabandezele, ukuze bafunyanwe.
-
19
|Jeremías 10:19|
Athi ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Lelokubulala inxeba lam; ke mna ndithi, Inyaniso, sisifo sam esi, ndiya kusinyamezela.
-
20
|Jeremías 10:20|
Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am.
-
21
|Jeremías 10:21|
Ngokuba abalusi baba zizityhakala, abamquqela uYehova; ngenxa yoko abenzanga ngangqiqo, wachithwachitwa wonke umhlambi wabo.
-
22
|Jeremías 10:22|
Phulaphulani! Kuvakala into; nantso isiza! Yingxolo enkulu, iphuma ezweni asentla, ukuze imizi yakwaYuda ibe ngamanxuwa, ibe sisikhundla seempungutye.
-
23
|Jeremías 10:23|
Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.
-
24
|Jeremías 10:24|
Ndithethise, Yehova, kodwa kube ngokwesiko, kungabi ngomsindo wakho, hleze undinciphise.
-
25
|Jeremías 10:25|
Phalaza ubushushu bakho phezu kweentlanga ezingakwaziyo, naphezu kwemizalwane engalinquliyo igama lakho; ngokuba zimdlile uYakobi, zimdlile zamgqiba, ikriwa lakhe zalenza laba senkangala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3