-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 11:11|
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazisela ububi abangayi kuba nako ukuphuma kubo; bakhale kum, ndingabaphulaphuli.
-
12
|Jeremías 11:12|
Iya kuhamba ke imizi yakwaYuda nabemi baseYerusalem, bakhale koothixo abaqhumisela kubo, bangabasindisi nokubasindisa ngexesha lobubi babo.
-
13
|Jeremías 11:13|
Ngokuba ngangenani lemizi yakho, baba ngako oothixo bakaYuda; ngangenani lezitrato zaseYerusalem, zaba ngako izibingelelo enazimisela into elisikizi, izibingelelo zokuqhumisela kuBhahali.
-
14
|Jeremías 11:14|
Wena ke musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo; ngokuba andiyi kuva ngexesha lokukhala kwabo kum, ngenxa yobubi babo.
-
15
|Jeremías 11:15|
Ifuna ntoni intanda yam endlwini yam, isenza amayelenqe nje? Izibhambathiso nenyama engcwele zobususa na ububi bakho kuwe? Ubungandula udlamke.
-
16
|Jeremías 11:16|
UYehova wakubiza ngegama lokuba ungumnquma oluhlaza, oyimpuluswa, osiqhamo sihle; wafaka isikhuni kuwo, kukho isandi sengxabatshitshi enkulu, aviveka amasebe awo.
-
17
|Jeremías 11:17|
Ke uYehova wemikhosi, owakutyalayo, uthethe okubi ngawe, ngenxa yezinto ezimbi zendlu kaSirayeli nezendlu kaYuda, abazenzeleyo ukuze bandiqumbise ngokuqhumisela uBhahali.
-
18
|Jeremías 11:18|
Ke kaloku uYehova wandazisa, ndazi; waza wandibonisa oko iintlondi zabo.
-
19
|Jeremías 11:19|
Ndaba njengemana embuna esiwa ekuxhelweni; bendingazi ukuba bacebe icebo ngam, besithi, Masiwonakalise umthi kunye neziqhamo zawo, masimnqumle ezweni labaphilileyo, lingabi sakhunjulwa igama lakhe.
-
20
|Jeremías 11:20|
Yehova wemikhosi, ugwebayo ngobulungisa, uzicikidayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ugokuba ndiyityhilile kuwe imbambano yam nabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3