-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Jeremías 12:8|
Ilifa lam lisuke laba njengengonyama yasehlathini kum, lindikhuphele ilizwi lalo; ngenxa yoko ndilithiyile.
-
9
|Jeremías 12:9|
Ilifa lam lukhozi oluthe chokochoko na kum, ukuba iinkozi zilingungele nje? Yizani, nihlanganise onke amarhamncwa asendle; waziseni adle.
-
10
|Jeremías 12:10|
Abalusi abaninzi basonakalisile isidiliya sam, basingqushile isiziba sam somhlaba; basibharhisile isiziba sam esinqwenelekayo, sayintlango.
-
11
|Jeremías 12:11|
Basibharhisile; sisijwili ngeenxa zonke kum; sibharhile, kusenkangala kulo lonke ilizwe, ngokuba akubangakho mntu ukubekela intliziyo oko.
-
12
|Jeremías 12:12|
Eluqayini lonke lwasentlango kufike ababhuqi; ngokuba ikrele likaYehova liyadla, lithabathela ekupheleni kwelizwe, lise ekupheleni kwelizwe; akukho luxolo kwinyama yonke.
-
13
|Jeremías 12:13|
Bahlwayela ingqolowa, bavuna ameva; bazidubile, abafeza lutho. Danani ke lungeniselo lwenu, ngenxa yobushushu bomsindo kaYehova.
-
14
|Jeremías 12:14|
Utsho uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abachukumisa ilifa endalidlisa abantu bam amaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyabanyothula emhlabeni wabo, ndiyinyothule indlu yakwaYuda phakathi kwabo.
-
15
|Jeremías 12:15|
Kuya kuthi, emveni kokuba ndibanyothule, ndibuye ndibe nemfesane kubo, ndibabuyisele elowo elifeni lakhe, elowo emhlabeni wakhe.
-
16
|Jeremías 12:16|
Kothi, ukuba bathe bazifunda ngenkuthalo iindlela zabantu bam; ukuba bafunge igama lam, bathi, Ehleli nje uYehova, njengoko babafundisayo abantu bam ukufunga uBhahali; baze bakheke phakathi kwabantu bam.
-
17
|Jeremías 12:17|
Ke ukuba bathe abeva, ndolunyothula olu hlanga, ndilunyothule, ndilutshabalalise; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3