-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 13:1|
Utsho uYehova kum ukuthi, Hamba uye uzithengele umbhinqo welinen, uwubeke esinqeni sakho, ke uze ungawufaki emanzini.
-
2
|Jeremías 13:2|
Ndawuthenga ke umbhinqo ngokwelizwi likaYehova, ndawubeka esinqeni sam.
-
3
|Jeremías 13:3|
Kwafika ilizwi likaYehova kum okwesibini, lisithi,
-
4
|Jeremías 13:4|
Wuthabathe umbhinqo owuthengileyo, osesinqeni sakho, usuke uye emEfrati, uwufihle khona emfanteni yengxondorha.
-
5
|Jeremías 13:5|
Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.
-
6
|Jeremías 13:6|
Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.
-
7
|Jeremías 13:7|
Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungasenamsebenzi.
-
8
|Jeremías 13:8|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
9
|Jeremías 13:9|
Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukulonakalisa ikratshi lakwaYuda, ikratshi elikhulu laseYerusalem.
-
10
|Jeremías 13:10|
Aba bantu banobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3