-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Jeremías 15:2|
Kuya kuthi, xa bathe kuwe, Siphume siye ngaphi na? uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Abokufa bafe; abekrele babe ngabekrele; abendlala babe ngabendlala; abokuthinjwa bathinjwe.
-
3
|Jeremías 15:3|
Ndobavelela ngeentlobo ezine, utsho uYehova: ikrele, ukuba libulale; izinja, ukuba zirhwiqilize; iintaka zezulu nezilo zomhlaba, ukuba zidle, ukuba zonakalise.
-
4
|Jeremías 15:4|
Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.
-
5
|Jeremías 15:5|
Ewe, ngubani na oya kuba nofefe kuwe, Yerusalem? ngubani na oya kukukhuza? ngubani na oya kuphambuka, abuze ukuphila kwakho?
-
6
|Jeremías 15:6|
Wena undilahlile, utsho uYehova, ubuye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya.
-
7
|Jeremías 15:7|
Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo.
-
8
|Jeremías 15:8|
Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa.
-
9
|Jeremías 15:9|
Uyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.
-
10
|Jeremías 15:10|
Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.
-
11
|Jeremías 15:11|
UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3