-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 16:11|
wothi kubo, Kungenxa yokuba ooyihlo bendishiyile, utsho uYehova; balandela thixo bambi, babakhonza, baqubuda kubo; mna bandishiya, umyalelo wam abawugcina;
-
12
|Jeremías 16:12|
nasuka ke nina nenza okubi ngaphezu kooyihlo; nanko, nilandela elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi, ningandiphulaphuli.
-
13
|Jeremías 16:13|
Ndiya kunijulela ngaphandle kweli lizwe, niye nikhonzele khona apho thixo bambi imini nobusuku; ngokuba ndingayi kuba natarhu kuni.
-
14
|Jeremías 16:14|
Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, ekungayi kuba sathiwa, Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa; ekuya kuthiwa,
-
15
|Jeremías 16:15|
Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni lasentla, nasemazweni onke ebebagxothele kuwo; ndobabuyisela kowabo umhlaba endawunika ooyise.
-
16
|Jeremías 16:16|
Yabonani, ndithumela ababambisi beentlanzi abaninzi, beze bababambise, utsho uYehova; emveni koko ndithumele abazingeli abaninzi, beze babazingele, baphume nabo ezintabeni zonke, nasezindulini zonke, nasezimfanteni zeengxondorha.
-
17
|Jeremías 16:17|
Ngokuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo, azisithele kum; abufihlakele ubugwenxa babo phambi kwamehlo am.
-
18
|Jeremías 16:18|
Kuqala, ndobuvuza kabini ubugwenxa babo nesono sabo ngenxa yokulihlambela kwabo ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezinezothe, belizalisa ilifa lam ngamasikizi abo.
-
19
|Jeremías 16:19|
Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo badla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.
-
20
|Jeremías 16:20|
Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3