-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 16:21|
Ngako oko, yabona, ndiyabazisa ngesi sihlandlo, ndibazise isandla sam nobugorha bam, bazi ukuba igama lam linguYehova.
-
1
|Jeremías 17:1|
Isono sikaYuda sibhalwe ngenkxola yesinyithi, sakrolwa ngetsolo ledayiman elucwecweni lwentliziyo yabo, nasezimpondweni zezibingelelo zenu.
-
2
|Jeremías 17:2|
Njengokubakhumbula kwabo oonyana babo, bayazikhumbula izibingelelo zabo, nooAshera babo ngasemithini eluhlaza, ezindulini ezinde.
-
3
|Jeremías 17:3|
Ntaba yam esezweni, ubutyebi bakho nobuncwane bakho bonke ndibunikela ekuphangweni, neziganga zakho ngenxa yezono emideni yakho yonke.
-
4
|Jeremías 17:4|
Uya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhonzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.
-
5
|Jeremías 17:5|
Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;
-
6
|Jeremías 17:6|
ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
-
7
|Jeremías 17:7|
Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;
-
8
|Jeremías 17:8|
kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
-
9
|Jeremías 17:9|
Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3