-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Jeremías 18:3|
Ndehla ke, ndaya endlwini yombumbi, nanko esenza ishishini ezintendeni.
-
4
|Jeremías 18:4|
Sakonakala isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi, wabuya wenza sitya simbi ngalo, njengoko kwakuthe tye emehlweni ombumbi ukusenza.
-
5
|Jeremías 18:5|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
6
|Jeremías 18:6|
Andinako na ukuxelisa lo mbumbi ukwenza kuni, ndlu kaSirayeli? utsho uYehova. Yabonani, njengoko lunjalo udongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu kaSirayeli.
-
7
|Jeremías 18:7|
Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilunyothule, ukuba ndiludilize, ukuba ndilutshabalalise.
-
8
|Jeremías 18:8|
Ukuba ke olo luhlanga lubuyile ezintweni zalo ezimbi, olo ndithethe ngalo, ndozohlwaya ngenxa yobubi, ebe ndisithi ndiza kubenza kulo.
-
9
|Jeremías 18:9|
Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale;
-
10
|Jeremías 18:10|
kodwa ke ukuba luthi lwenze okubi emehlweni am, lungaliphulaphuli ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulungileyo, ebendisithi ndiza kukwenza kulo.
-
11
|Jeremías 18:11|
Ngoku ke khawuthethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem, uthi, Utshilo uYehova ukuthi, Yabonani, ndinibumbela ububi, ndiceba ngani icebo; khanibuye elowo endleleni yakhe enobubi, nilungise iindlela zenu neentlondi zenu.
-
12
|Jeremías 18:12|
Ke bona bathi, Kuncamekile; ngokuba siya kulandela awethu amacebo, senza elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13