-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Jeremías 17:10|
Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.
-
11
|Jeremías 17:11|
Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni; uya kubushiya phakathi kwemihla yakhe, abe sisidenge ekupheleni kwakhe.
-
12
|Jeremías 17:12|
Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu;
-
13
|Jeremías 17:13|
themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.
-
14
|Jeremías 17:14|
Ndiphilise, Yehova, ndiphile; ndisindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.
-
15
|Jeremías 17:15|
Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.
-
16
|Jeremías 17:16|
Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.
-
17
|Jeremías 17:17|
Musa ukundiqhiphula umbilini; ulihlathi lam ngomhla wobubi.
-
18
|Jeremías 17:18|
Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bazisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.
-
19
|Jeremías 17:19|
UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13