-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Jeremías 20:15|
Mayiqalekiswe indoda, eyamshumayeza ubawo udaba lokuthi, Uzalelwe umntwana oyinkwenkwe; yamvuyisa kakhulu.
-
16
|Jeremías 20:16|
Loo ndoda mayibe njengemizi awayibhukuqayo uYehova, akazohlwaya; mayive ukukhala kusasa, ive kuhlatywa umkhosi emini enkulu;
-
17
|Jeremías 20:17|
ngokuba ingandibulalanga kwasesizalweni, waza waba lingcwaba lam uma, isizalo sakhe sahlala sindimithi.
-
18
|Jeremías 20:18|
Ibiyini na ukuba ndiphume esizalweni, ukuze ndibone ukwaphuka nesingqala, iphele imihla yam kukudana?
-
1
|Jeremías 21:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ekuthumeni kokumkani onguZedekiya ooPashure unyana kaMalekiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuye, ukuthi,
-
2
|Jeremías 21:2|
Khawusibuzele kuYehova, ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.
-
3
|Jeremías 21:3|
Wathi uYeremiya kubo, Notsho kuZedekiya ukuthi,
-
4
|Jeremías 21:4|
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyazijika iimpahla zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabheli, namaKaledi aningqingayo, ngaphandle kodonga, ndizihlanganisele esazulwini salo mzi.
-
5
|Jeremías 21:5|
Ndiya kulwa nani mna ngesandla esolukileyo, nangengalo ethe nkqi, ndinomsindo, ndinobushushu, ndinoburhalarhume obukhulu.
-
6
|Jeremías 21:6|
Ndiya kubabetha abemi balo mzi, abantu kwaneenkomo; baya kufa yindyikitya yokufa enkulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13