-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Jeremías 22:3|
Utsho uYehova ukuthi, Yenzani okusesikweni nobulungisa, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, ningamxinzeleli phantsi; ningamgonyameli owasemzini nomhlolokazi nenkedama; ningaphalazi gazi limsulwa kule ndawo.
-
4
|Jeremías 22:4|
Ngokuba xa nithe nalenza nokulenza eli lizwi, bongena ngamasango ale ndlu ookumkani, abahlalela uDavide etroneni yakhe, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, yena, nabakhonzi bakhe, nabantu bakhe.
-
5
|Jeremías 22:5|
Ke ukuba nithe anaweva la mazwi, ndizifungile mna, utsho uYehova, ukuba le ndlu iya kuba linxuwa.
-
6
|Jeremías 22:6|
Ngokuba utshilo uYehova ngendlu yokumkani wakwaYuda, ukuthi, UlelaseGiliyadi wena kum, uyincopho yeLebhanon; inyaniso, ndiya kukwenza intlango, imizi engamiweyo.
-
7
|Jeremías 22:7|
Ndiya kukungcwalisela abonakalisi, elowo abe neempahla zakhe, bagawule imisedare yakho enyuliweyo, bayiphose emlilweni.
-
8
|Jeremías 22:8|
Kodlula kulo mzi iintlanga ezininzi, bathi elowo kummelwane wakhe, Kungenxa yani na ukuba uYehova enjenje kulo mzi mkhulu?
-
9
|Jeremías 22:9|
Bathi ke, Kungenxa yokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wabo, baqubuda thixweni bambi, babakhonza.
-
10
|Jeremías 22:10|
Musani ukumlilela ofileyo, ningahlunguzeli intloko ngenxa yakhe; lilani nilile ngomkileyo; ngokuba akasayi kubuya abuye, alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.
-
11
|Jeremías 22:11|
Ngokuba utsho ukuthi uYehova, ngoShalum unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, owaba ngukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise, owaphuma kule ndawo, Akasayikubuya abuyele apha;
-
12
|Jeremías 22:12|
ke uya kufela endaweni abamfudusele kuyo, angabi sabuya alibone eli lizwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13