-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Jeremías 22:23|
Wena uhleliyo eLebhanon, uyakhelayo emisedareni indlu yakho, hayi ukugcuma kwakho ekufikelweni kwakho yinimba, kukuzibhijabhija, njengozalayo.
-
24
|Jeremías 22:24|
Ndihleli nje, utsho uYehova, ukuba uKoniyahu unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, ebengumsesane, wokutywina esandleni sam, sokunene, bendiya kumncothula nakhona;
-
25
|Jeremías 22:25|
ndikunikele esandleni sabawufunayo umphefumlo wakho, nasesandleni sabo uboyikayo, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, nasesandleni samaKaledi.
-
26
|Jeremías 22:26|
Ndonijulela kwelinye ilizwe, wena nonyoko owakuzalayo, apho naningazalelwanga khona; nifele khona.
-
27
|Jeremías 22:27|
Ke lona ilizwe, abaya kuphakamisela umphefumlo wabo kulo, ukuba babuyele kulo, abasayi kubuyela kulo.
-
28
|Jeremías 22:28|
Lo mfo uKoniyahu ngumphanda odelekileyo, oza kuhlekezwa na? Uyimpahla engananziweyo na? Kungandawoni na ukuba bajulelwe, yena nembewu yakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo?
-
29
|Jeremías 22:29|
Lizwe, lizwe, lizwe, live ilizwi likaYehova!
-
30
|Jeremías 22:30|
Utsho uYehova ukuthi, Lo mfo mbaleleni ekuthini akanabantwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo: ngokuba akayi kuba nampumelelo umntu wasembewini yakhe, ohlala etroneni kaDavide, esalawula kwaYuda.
-
1
|Jeremías 23:1|
Yeha ke, abalusi abatshabalalisa bachithachithe umhlambi wedlelo lam! utsho uYehova.
-
2
|Jeremías 23:2|
Ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngabalusi abo balusa abantu bam, ukuthi, Niwuchithachithile umhlambi wam, nawubhebhetha, anawuvelela; yabonani, ndiya kunivelela ngenxa yobubi beentlondi zenu; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13