-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 27:21|
ewe, utsho uYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, ngempahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ukuthi,
-
22
|Jeremías 27:22|
Iya kusiwa eBhabheli ibe khona, ide ibe yimini yokuyivelela kwam, utsho uYehova; ndiyinyuse, ndiyibuyisele kule ndawo.
-
1
|Jeremías 28:1|
Ke kaloku, kwathi ngaloo mnyaka, ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya unyana ka-Azure, umprofeti waseGibheyon, endlwini kaYehova, emehlweni ababingeleli nabantu bonke, esithi,
-
2
|Jeremías 28:2|
Utshilo uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndiyayaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
-
3
|Jeremías 28:3|
Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli.
-
4
|Jeremías 28:4|
Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abaye eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
-
5
|Jeremías 28:5|
Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, emehlweni ababingeleli, nasemehlweni abantu bonke abemiyo endlwini kaYehova:
-
6
|Jeremías 28:6|
wathi uYeremiya umprofeti, Amen, makenjenjalo uYehova. Makawamise uYehova amazwi akho owaprofetele ukuba ayibuyise impahla yendlu kaYehova, nabafudusiweyo bonke eBhabheli, beze kule ndawo.
-
7
|Jeremías 28:7|
Khawuve eli lizwi ndilithethayo ezindlebeni zakho, nasezindlebeni zabantu bonke.
-
8
|Jeremías 28:8|
Abaprofeti ababengaphambili kum nangaphambili kwakho kwasephakadeni, baprofeta imfazwe, nobubi, nendyikitya yokufa, besingisele kumazwe amaninzi nangezikumkani ezikhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jeremías 51-52