-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Jeremías 29:12|
Niya kundinqula, nize nithandaze kum, ndiniphulaphule.
-
13
|Jeremías 29:13|
Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke;
-
14
|Jeremías 29:14|
ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova;
-
15
|Jeremías 29:15|
ndinibuyisele endaweni endanifudusa kuyo, xa nithi, UYehova usivelisele abaprofeti eBhabheli.
-
16
|Jeremías 29:16|
Inene, utsho uYehova ngokusingisele kukumkani ohleli etroneni kaDavide, nakubantu bonke abahleli kulo mzi, abazalwana benu, abangaphumanga baye nani ekufudusweni:
-
17
|Jeremías 29:17|
utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, ndibenze babe njengamakhiwane akruqulayo, angenakudliwa ngokuba mabi kwawo.
-
18
|Jeremías 29:18|
Ndiya kubasukela ngekrele nangendlala nangendyikitya yokufa, ndibanikele ukuba babe yinto yokunqakulisa kwizikumkani zonke zehlabathi, babe yintshwabulo, nommangaliso, nomsondlo, nesingcikivo, ezintlangeni zonke endabagxothela kuzo;
-
19
|Jeremías 29:19|
ngethuba lokuba bengawaphulaphulanga amazwi am, utsho uYehova, endawathumela kuni ngabakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa; anivanga noko; utsho uYehova.
-
20
|Jeremías 29:20|
Liveni ke ilizwi likaYehova, nina nonke bafudusiweyo, ndabasusayo eYerusalem, baya eBhabheli.
-
21
|Jeremías 29:21|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13