-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Jeremías 32:26|
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
-
27
|Jeremías 32:27|
Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?
-
28
|Jeremías 32:28|
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
-
29
|Jeremías 32:29|
eze amaKaledi alwayo nalo mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.
-
30
|Jeremías 32:30|
Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.
-
31
|Jeremías 32:31|
Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,
-
32
|Jeremías 32:32|
ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bona, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem.
-
33
|Jeremías 32:33|
Bandinikela ikhosi, abandinikela ubuso; bafundiswa, befundiswa kwakusasa, abaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa.
-
34
|Jeremías 32:34|
Babeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi;
-
35
|Jeremías 32:35|
bamakhela uBhahali iziganga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10