-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Jeremías 32:6|
Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
7
|Jeremías 32:7|
Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.
-
8
|Jeremías 32:8|
Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.
-
9
|Jeremías 32:9|
Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.
-
10
|Jeremías 32:10|
Ndakubhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.
-
11
|Jeremías 32:11|
Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo;
-
12
|Jeremías 32:12|
ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.
-
13
|Jeremías 32:13|
Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,
-
14
|Jeremías 32:14|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi.
-
15
|Jeremías 32:15|
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10