-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Jeremías 31:26|
Kwakubanjalo, ndavuka, ndakhangela; ubuthongo bam bebumnandi kum.
-
27
|Jeremías 31:27|
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyihlwayela indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu yomntu, nangembewu yenkomo.
-
28
|Jeremías 31:28|
Kuya kuthi njengoko ndabaphaphelayo ukuba ndinyothule, ukuba ndidilize, ukuba ndigungxule, ukuba nditshabalalise, ukuba ndenze kube kubi: ngokunjalo ndibaphaphele ukuba ndakhe, ukuba ndityale; utsho uYehova.
-
29
|Jeremías 31:29|
Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badle iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi;
-
30
|Jeremías 31:30|
ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi.
-
31
|Jeremías 31:31|
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda;
-
32
|Jeremías 31:32|
ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova.
-
33
|Jeremías 31:33|
Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;
-
34
|Jeremías 31:34|
bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.
-
35
|Jeremías 31:35|
Utsho uYehova, uMniki welanga, ukuba libe sisikhanyiso emini; uMniki wemimiselo yenyanga neenkwenkwezi, ukuba zibe sisikhanyiso ebusuku; uMlatyuzisi wolwandle, ukuba agqume amaza alo; ugama lakhe linguYehova wemikhosi:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10