-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Jeremías 31:6|
Ngokuba kuya kubakho umhla, abaya kumemeza ngawo abalindi ezintabeni zakwaEfrayim, besithi, Sukani nime, sinyuke siye eZiyon kuYehova, uThixo wethu.
-
7
|Jeremías 31:7|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Memelelani ngoYakobi, nivuye, nitsholoze ngentloko yeentlanga; vakalisani, dumisani, yithini, Basindise, Yehova, abantu bakho, amasalela akwaSirayeli.
-
8
|Jeremías 31:8|
Yabona, ndiyabazisa bevela ezweni lasentla, ndibabuthe eziphelweni zehlabathi; beneemfama neziqhwala, abamithiyo nabazalayo kunye; besisikhungu esikhulu, bebuyela apha.
-
9
|Jeremías 31:9|
Baya kuza belila, ndibakhokele betarhuzisa; ndibase emilanjeni yamanzi ngendlela ethe tye, bengakhubeki kuyo; kuba ndinguyise kuSirayeli, uEfrayim ngowamazibulo am.
-
10
|Jeremías 31:10|
Liveni ilizwi likaYehova, zintlanga, nilixele eziqithini ezikude, nithi, Umchithachithi kaSirayeli uya kumbutha, amgcine njengomalusi egcina umhlambi wakhe.
-
11
|Jeremías 31:11|
Ngokuba uYehova ummisele wamkhulula uYakobi; umhlawulele wamkhulula esandleni sowomeleleyo kunaye.
-
12
|Jeremías 31:12|
Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathe amandla.
-
13
|Jeremías 31:13|
Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala.
-
14
|Jeremías 31:14|
Ndowuseza uhluthe umphefumlo wababingeleli ngamafutha, bahluthe abantu bam zizinto zam ezilungileyo; utsho uYehova.
-
15
|Jeremías 31:15|
Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10