-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Jeremías 30:20|
Oonyana babo boba njengokwamandulo, lizimaseke phambi kwam ibandla labo, ndibavelele bonke abaxini babo.
-
21
|Jeremías 30:21|
Ingangamsha yabo iya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kwaphakathi kwabo; ndimsondeze, afike kum, ngokuba ngubani na omele intliziyo yakhe, ukuba afike kum? utsho uYehova.
-
22
|Jeremías 30:22|
Niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
-
23
|Jeremías 30:23|
Nango umoya kaYehova ovuthuzayo; nabo buphuma ubushushu; umoya ovuthuzayo, okhukulisayo, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.
-
24
|Jeremías 30:24|
Akuyi kubuya ukuvutha komsindo kaYehova, ade ayenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla niya kukuqonda oko.
-
1
|Jeremías 31:1|
Ngelo xesha, utsho uYehova, ndiya kuba nguThixo kwimizalwane yonke yakwaSirayeli, yona ibe ngabantu bam.
-
2
|Jeremías 31:2|
Utsho uYehova ukuthi, Bababalwa entlango abantu abasindileyo ekreleni; ndoya ndiwaphumze amaSirayeli.
-
3
|Jeremías 31:3|
UYehova ubonakele kum kwakude, wathi, Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba.
-
4
|Jeremías 31:4|
Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise, uphathe iingqongqo zakho, uphume uye ekungqungqeni kwabangqungqayo.
-
5
|Jeremías 31:5|
Uya kubuya utyale izidiliya ezintabeni zakwaSamari, batyale abatyali, bazidle ngokwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10