-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Jeremías 34:6|
Wawathetha ke uYeremiya umprofeti loo mazwi onke kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, eYerusalem,
-
7
|Jeremías 34:7|
yakubonÂ’ ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.
-
8
|Jeremías 34:8|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokwenza kokumkani uZedekiya umnqophiso nabantu bonke baseYerusalem, wokuvakalisa kubo inkululeko:
-
9
|Jeremías 34:9|
owokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe elingumHebhere, elingumHebherekazi, elikhulule, kungabikho umkhonzisayo umYuda umzalwana wakhe.
-
10
|Jeremías 34:10|
Baphulaphula ke abathetheli bonke nabantu bonke, abangenayo emnqophisweni wokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, elikhulule, angabi sabakhonzisa; baphulaphula ke, babandulula.
-
11
|Jeremías 34:11|
Emveni koko bajika, bawabuyisa amakhoboka namakhobokazana ababewandulule bewakhulule, bawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana.
-
12
|Jeremías 34:12|
Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,
-
13
|Jeremías 34:13|
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mna ndenza umnqophiso nooyihlo, mini ndabakhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
-
14
|Jeremías 34:14|
ndathi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ize nindulule elowo umzalwana wakhe ongumHebhere, owazithengisayo kuwe; wokukhonza iminyaka emithandathu, umndulule kuwe, umkhulule; ke ooyihlo abandiphulaphulanga, abandithobelanga ndlebe.
-
15
|Jeremías 34:15|
Nina ke nibuyile namhla, nenza okuthe tye emehlweni am ngokuvakalisa inkululeko, elowo kummelwane wakhe, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwe ngegama lam;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10