-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Jeremías 35:4|
ndabangenisa endlwini kaYehova, egumbini koonyana bakaHanan unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elisecaleni kwegumbi labathetheli, eliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-mnyango.
-
5
|Jeremías 35:5|
Ndabeka phambi koonyana bendlu yamaRekabhi iindebe ezizele yiwayini, neebhekile, ndathi kubo, Selani iwayini.
-
6
|Jeremías 35:6|
Bathi bona, Asiyiseli iwayini: ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho wokuthi, Ze ningaseli wayini, nina, noonyana benu, naphakade;
-
7
|Jeremías 35:7|
ningakhi zindlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyali sidiliya, ningabi nazo ezo zinto; ke nohlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze niphile imihla emininzi phezu komhlaba, eningabaphambukeli kuwo.
-
8
|Jeremías 35:8|
Siliphulaphule ke izwi likaYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, kuko konke awasiwisela umthetho ngako, ukuba singaseli wayini yonke imihla yethu, thina, nabafazi bethu, noonyana bethu, neentombi zethu;
-
9
|Jeremías 35:9|
wokuba singakhi nazindlu zokuba sihlale kuzo, singabi nazidiliya, nantsimi, nambewu.
-
10
|Jeremías 35:10|
Sihleli ezintenteni, seva, senza ngako konke awasiwisela umthetho ngako uYonadabhi ubawo.
-
11
|Jeremías 35:11|
Ke kaloku kwathi, ekunyukeni kukaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esiza kweli lizwe, sathi, Yizani singene eYerusalem ngenxa yempi yamaKaledi, nangenxa yempi yama-Aram; sahlala ke eYerusalem apha.
-
12
|Jeremías 35:12|
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
-
13
|Jeremías 35:13|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthi kumadoda akwaYuda nakubemi baseYerusalem, Anikuvumi na ukuqeqeshwa, ukuba niwaphulaphule amazwi am? utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10