-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 1:1|
Umbono kaIsaya unyana ka-Amotsi, awawubonayo ngokusingisele kuYuda neYerusalem, ngemihla yoUziya, noYotam, noAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaYuda.
-
2
|Isaías 1:2|
Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum.
-
3
|Isaías 1:3|
Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi.
-
4
|Isaías 1:4|
Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva.
-
5
|Isaías 1:5|
Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe;
-
6
|Isaías 1:6|
kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha: akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli.
-
7
|Isaías 1:7|
Kusenkangala elizweni lenu, imizi yenu itshiswe ngomlilo, umhlaba wenu udliwa ngabasemzini phambi kwenu, uyinkangala njengokubhukuqwa kwabasemzini.
-
8
|Isaías 1:8|
Isele ke intombi enguZiyon, njengexhobongo esidiliyeni, njengephempe entsimini yemixoxozi, njengomzi ongqingiweyo.
-
9
|Isaías 1:9|
Koko uYehova wemikhosi wasisalisela intwana esindileyo, singe saba njengeSodom, singe safana neGomora.
-
10
|Isaías 1:10|
Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo kaThixo wethu, bantu baseGomora.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7