-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 24:1|
Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo;
-
2
|Isaías 24:2|
kube mfani-nye abantu nababingeleli, kube mfani-nye ikhoboka nenkosi yalo, kube mfani-nye ikhobokazana nenkosikazi yalo, kube mfani-nye othengayo nothengisayo, kube mfani-nye obolekayo nobolekwayo,
-
3
|Isaías 24:3|
kube mfani-nye umnikimali nomamkelimali. Ihlabathi lithiwe qongqololo ngakunye, liphangwe liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi.
-
4
|Isaías 24:4|
Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi.
-
5
|Isaías 24:5|
Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade.
-
6
|Isaías 24:6|
Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.
-
7
|Isaías 24:7|
Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo.
-
8
|Isaías 24:8|
Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi.
-
9
|Isaías 24:9|
Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo.
-
10
|Isaías 24:10|
Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingangenwa mntu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7