-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 26:1|
Ngaloo mini kuya kuvunywa le ngoma ezweni lakwaYuda, ithi, Yinqaba umzi wethu thina; umisa iidonga nongqameko zibe lusindiso.
-
2
|Isaías 26:2|
Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka.
-
3
|Isaías 26:3|
Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.
-
4
|Isaías 26:4|
Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.
-
5
|Isaías 26:5|
Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini.
-
6
|Isaías 26:6|
Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli.
-
7
|Isaías 26:7|
Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane.
-
8
|Isaías 26:8|
Kakade, Yehova, sibe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni.
-
9
|Isaías 26:9|
Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.
-
10
|Isaías 26:10|
Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7