-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 61:1|
UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo;
-
2
|Isaías 61:2|
ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili;
-
3
|Isaías 61:3|
ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.
-
4
|Isaías 61:4|
Baya kwakha amanxuwa angunaphakade, bavuse iindawo ezichithakeleyo zangaphambili, bahlaziye imizi engamanxuwa, iindawo ezichithakeleyo zezizukulwana ngezizukulwana.
-
5
|Isaías 61:5|
Baya kuma abasemzini, baluse imihlambi yenu, oonyana bezinye iintlanga babe ngabalimi bomhlaba wenu, nabezidiliya zenu.
-
6
|Isaías 61:6|
Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa ningababingeleli bakaYehova; kuya kuthiwa kuni, ningabalungiseleli boThixo wethu; niya kudla ubutyebi beentlanga, nindolose ninozuko lwazo.
-
7
|Isaías 61:7|
Esikhundleni sokudana kwenu niya kuzuza okuphindiweyo; esikhundleni sehlazo baya kumemelela ngesahlulo sabo; ngako oko baya kudla ilifa eliphindiweyo ezweni labo, baya kuba novuyo olungunaphakade.
-
8
|Isaías 61:8|
Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga ngokugqwetha; ndibanika umvuzo womsebenzi wabo ngenyaniso; ndenza umnqophiso ongunaphakade nabo.
-
9
|Isaías 61:9|
Iya kwaziwa imbewu yabo ezintlangeni, baziwe nabaphume ezibilinini zabo phakathi kwezizwe; bonke abababonayo baya kubazi ukuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova.
-
10
|Isaías 61:10|
Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; kuba endinxibe iingubo zosindiso, endithe wambu ngengubo yokwaleka yobulungisa, njengomyeni ononkontsho ngokombingeleli, nanjengomtshakazi evethe iimpahla zakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7