-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 31:1|
Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqine kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!
-
2
|Isaías 31:2|
Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga.
-
3
|Isaías 31:3|
AmaYiputa angabantu, akaThixo; amahashe awo ayinyama, akamoya; ukuba uYehova angasolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke.
-
4
|Isaías 31:4|
Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo.
-
5
|Isaías 31:5|
Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza.
-
6
|Isaías 31:6|
Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli.
-
7
|Isaías 31:7|
Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingeni, nezegolide ezingeni, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo.
-
8
|Isaías 31:8|
Wowa uAsiriya likrele elingelelandoda, limdle ikrele elingelelamntu, asabe phambi kwekrele, amadodana akhe afakwe uviko.
-
9
|Isaías 31:9|
Ingxondorha yakhe yodlula imke ngokunxunguphala, baqhiphuke umbilini abathetheli bakhe, bemke kwibhanile; utsho uYehova, omlilo useZiyon, oziko liseYerusalem.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7