-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 45:1|
Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulule amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa:
-
2
|Isaías 45:2|
ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi;
-
3
|Isaías 45:3|
ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli.
-
4
|Isaías 45:4|
Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho, ndakuthiya namanye amagama, ungandazi.
-
5
|Isaías 45:5|
NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim.
-
6
|Isaías 45:6|
Ndakubhinqa ungandazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi.
-
7
|Isaías 45:7|
NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.
-
8
|Isaías 45:8|
Vuzisani, mazulu phezulu, sikhumezele ubulungisa isibhakabhaka; mawuvuleke umhlaba, uqhame usindiso, uhlumise ubulungisa kunye: mna Yehova ndikudalile oko.
-
9
|Isaías 45:9|
Yeha ke, obambana noMenzi wakhe! Ligophe emagopheni ezitya zomdongwe! Udongwe lunokuthi na kumbumbi walo, Wenza ntoni na? nomsebenzi wakho unokuthi na, Akunazandla?
-
10
|Isaías 45:10|
Yeha ke, othi kuyise, Uzaleleni na? nakumfazi, Unanimba ngani na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7