-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 56:1|
Utsho uYehova ukuthi, Gcinani isiko, nenze ubulungisa; kuba lusondele ukuba luze usindiso lwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke.
-
2
|Isaías 56:2|
Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.
-
3
|Isaías 56:3|
Makangatsho ke unyana wolunye uhlanga, lo unamathele kuYehova, ukuthi, UYehova uya kundahlula kube kanye ebantwini bakhe; malingathi ithenwa, Yabona, ndingumthi owomileyo.
-
4
|Isaías 56:4|
Ngokuba utsho uYehova kumathenwa ukuthi, Abazigcinayo iisabatha zam, banyule endikuthandayo, babambelele emnqophisweni wam,
-
5
|Isaías 56:5|
ndobanika, endlwini yam nasezindongeni zam, indawo negama elilungileyo ngaphezu koonyana neentombi; ndobanika igama elingunaphakade elingayi kunqunyulwa.
-
6
|Isaías 56:6|
Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam:
-
7
|Isaías 56:7|
ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.
-
8
|Isaías 56:8|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe.
-
9
|Isaías 56:9|
Nonke marhamncwa asendle, yizani apha; yizani kudla, nonke marhamncwa asehlathini.
-
10
|Isaías 56:10|
Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela abanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7