-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 10:1|
Yeha, abamisi bemimiselo yobutshinga, ababhali ababhala uxhamlo;
-
2
|Isaías 10:2|
ukuze bazisunduze izisweli, zingafiki ematyaleni, bazihluthe ibango lazo iintsizana zabantu bam, ukuba abahlolokazi babe lixhoba labo, baphange iinkedama!
-
3
|Isaías 10:3|
Niya kuthini na ke ngemini yovelelo, nasesithongeni esivela kude? Niya kusabela kubani na ukuba anincede, nilushiye phi na uzuko lwenu?
-
4
|Isaías 10:4|
Akukho kumbi, sekukukuguqa phakathi kwabakhonkwixeyo, bawe phakathi kwababuleweyo. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, sisolukile isandla sakhe.
-
5
|Isaías 10:5|
Yeha, uAsiriya, ntonga yomsindo wam: luswazi olusesandleni sabo ukubhavuma kwam!
-
6
|Isaías 10:6|
Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato.
-
7
|Isaías 10:7|
Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa.
-
8
|Isaías 10:8|
Kuba uthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na,
-
9
|Isaías 10:9|
iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na?
-
10
|Isaías 10:10|
Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingeni; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7